-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 11:11|
Nguwuphi na ke uyise kuni oya kuthi, unyana akucela isonka, amnike ilitye; athi akucela intlanzi, amnike inyoka endaweni yentlanzi?
-
12
|Lucas 11:12|
Athi, ukuba uthe wacela iqanda, amnike unomadudwane?
-
13
|Lucas 11:13|
Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?
-
14
|Lucas 11:14|
Wayekhupha idemon, yaye ke isisidenge. Kwathi ke yakuphuma idemon, sathetha isidenge, zamangaliswa izihlwele.
-
15
|Lucas 11:15|
Kodwa abathile kubo bathi, Uzikhupha iidemon ngoBhelezebhule, umphathi weedemon.
-
16
|Lucas 11:16|
Baye ke bambi bemlinga, befuna kuye umqondiso ophuma emazulwini.
-
17
|Lucas 11:17|
Ke kaloku yena, ezazi izicamango zabo, wathi kubo, Bonke ubukumkani obahlulelene bodwa, buyaphanza; nendlu eyahlulelene nendlu, iyawa.
-
18
|Lucas 11:18|
Ukuba ke noSathana wahlulelene yedwa, bothini na ukuma ubukumkani bakhe? Ngokuba nithi, ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule.
-
19
|Lucas 11:19|
Ke ukuba mna ndizikhupha iidemon ngoBhelezebhule, bazikhupha ngabani na oonyana benu? Baya kuba ngabagwebi benu bona ngenxa yoko.
-
20
|Lucas 11:20|
Ke ukuba ndizikhupha iidemon ngomnwe kaThixo, ngoko bunifikele kanti ubukumkani bukaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5