-
-
Xhosa
-
-
21
|Lucas 11:21|
Xa lithi igorha lixhobe tu, lilinde ibhotwe lalo, impahla yalo ihlala inqabile;
-
22
|Lucas 11:22|
kodwa xa lithe elinamandla kunalo lalifikela, laleyisa, lilihlutha sonke isikrweqe salo elabe likholose ngaso, liwabe amaxhoba alo.
-
23
|Lucas 11:23|
Lowo ungengakum, uchasene nam; nalowo ungandibuthisiyo, uyachithachitha.
-
24
|Lucas 11:24|
Xa umoya ongcolileyo uthe waphuma emntwini, ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla; uze wakuba ungakufumani, usuke uthi, Ndiya kubuyela endlwini yam, endaphuma kuyo.
-
25
|Lucas 11:25|
Uthi wakufika, uyifumane itshayelwe, ivathisiwe.
-
26
|Lucas 11:26|
Wandule ukuya kuthabatha abanye oomoya abasixhenxe abangendawo kunawo, bangene ke bahlale khona; lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqalo.
-
27
|Lucas 11:27|
Ke kaloku kwathi, ekuzithetheni kwakhe ezi zinto, intokazi ethile yaliphakamisa izwi layo esihlweleni eso, yathi kuye, Sinoyolo isizalo esakubambayo, nambele owawanyayo.
-
28
|Lucas 11:28|
Uthe ke yena, Yithi kanye, Banoyolo abo balivayo ilizwi likaThixo baligcine.
-
29
|Lucas 11:29|
Ke kaloku, zakubonÂ’ ukuba ziqukene iindimbane, waqala ukuthi, Esi sizukulwana singendawo, singxamele umqondiso; ukanti asiyi kunikwa mqondiso, ingenguwo umqondiso kaYona umprofeti.
-
30
|Lucas 11:30|
Kuba, njengokuba uYona waba ngumqondiso kwabaseNineve, uya kuba kwanjalo uNyana woMntu kwesi sizukulwana.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19