-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 11:31|
Ukumkanikazi waseZantsi uya kusuka eme ngomgwebo namadoda esi sizukulwana, awagwebe; ngokuba wavela eziphelweni zomhlaba, esiza kuva ubulumko bukaSolomon; ukanti ke omkhulu kunoSolomon nanku apha.
-
32
|Lucas 11:32|
Amadoda aseNineve aya kusuka eme ngomgwebo nesi sizukulwana, asigwebe; kuba aguquka wona ngomemezo lukaYona; ukanti ke omkhulu kunoYona nanku apha.
-
33
|Lucas 11:33|
Akukho ke uthi, esibanekile isibane, asibeke endaweni efihlakeleyo, nokuba kuphantsi kwesitya; usibeka esiphathweni saso, ukuze abo bangenayo bakubone ukukhanya.
-
34
|Lucas 11:34|
Isibane somzimba liliso. Xa sukuba iliso lakho lingenakumbi, umzimba wakho uphela uyakhanyiseleka; xa lithe lakhohlakala, nomzimba wakho ububumnyama.
-
35
|Lucas 11:35|
Ngoko xunela ekuthini ukukhanya okukuwe kungabi bubumnyama.
-
36
|Lucas 11:36|
Ukuba ngoko umzimba wakho uphela ukhanyiselekile, ungenandawo imnyama, uya kukhanyiseleka uphela, njengaxenikweni sithe isibane sakukhanyisela ngokudangazela kwaso.
-
37
|Lucas 11:37|
Ke kaloku, akuba ethethile, umFarisi othile wayemcela ukuba aye komulela kuye. Ungenile ke wahlala phantsi.
-
38
|Lucas 11:38|
Uthe ke akubona oku, umFarisi wamangaliswa kukuba engathanga kuqala ahlambe, phambi kokuba adle.
-
39
|Lucas 11:39|
Yathi ke iNkosi kuye, Kaloku nina baFarisi nihlambulula umphandle wendebe nesitya, ukanti wona umbilini wenu uzele kukuphanga nokungendawo.
-
40
|Lucas 11:40|
Basweli-kuqonda, owakwenzayo okungaphandle akakwenzanga na nokungaphakathi?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21