-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 22:11|
Nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi kuwe, Liphi na igumbi labahambi, apho ndingadlela khona ipasika nabafundi bam?
-
12
|Lucas 22:12|
Kwayena wonibonisa igumbi eliphezulu elikhulu, landlelwe; lungisani apho ke.
-
13
|Lucas 22:13|
Bemka ke, bafumana kunjengoko ebetshilo kubo, bayilungisa ipasika.
-
14
|Lucas 22:14|
Uthe ke lakufika ilixa, wahlala phantsi, nabapostile abalishumi elinababini kunye naye.
-
15
|Lucas 22:15|
Wathi kubo, Asikuko nokuba ndinqwenile ukuyidla nani le pasika, ndingekabuva ubunzima.
-
16
|Lucas 22:16|
Kuba ndithi kuni, Andiyi kubuya ndibe sadla kuyo, ide izaliseke ebukumkanini bukaThixo.
-
17
|Lucas 22:17|
Wamkela indebe, wabulela, wathi, Yithabatheni, nabelane ngayo.
-
18
|Lucas 22:18|
Kuba ndithi kuni, Andisayi kusela kwisiqhamo somdiliya, bude bufike ubukumkani bukaThixo.
-
19
|Lucas 22:19|
Wathabatha isonka, wathi akubulela waqhekeza, wabanika, esithi, Ngumzimba wam lo, onikelwa ngenxa yenu; oku kwenzeleni ukundikhumbula.
-
20
|Lucas 22:20|
Kwangokunjalo nayo indebe wayithabatha, kwakukhovwa ukudliwa, esithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam, eliphalalela nina.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7