-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 22:31|
Ithe ke iNkosi, Simon, Simon, uyabona, uSathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa.
-
32
|Lucas 22:32|
Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.
-
33
|Lucas 22:33|
Wathi ke yena kuyo, Nkosi, sendikulungele ukuya nawe nasentolongweni, nasekufeni.
-
34
|Lucas 22:34|
Ithe ke yona, Ndithi kuwe, Petros, ayisayi kulila namhlanje inkuku, ungekakhanyeli kathathu ukuba uyandazi.
-
35
|Lucas 22:35|
Yathi kubo, Okuya ndanithuma ningenangxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada, khe naswela nto na? Bathi ke bona, Nento le.
-
36
|Lucas 22:36|
Ithe ke kubo, Kungokunje, lowo unengxowa yemali makayithabathe, enjenjalo nonengxowa yomphako; nalowo usweleyo, makathengise ngengubo yakhe, athenge ikrele.
-
37
|Lucas 22:37|
Kuba ndithi kuni, Oku kubhaliweyo kusamele ukufezeka kum, khona oku: Wabalwa nabachasi-mthetho; kuba kananjalo izinto ezingam zinemfezeko.
-
38
|Lucas 22:38|
Bathi ke bona, Nkosi, uyabona, nanga amakrele emabini. Ithe ke yona kubo, Kwanele.
-
39
|Lucas 22:39|
Uphumile ke, waya ngokwesiko lakhe eNtabeni yemiNquma, bamlandela ke nabafundi bakhe.
-
40
|Lucas 22:40|
Efikile ke kuloo ndawo, wathi kubo, Thandazani, ningangeni ekulingweni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7