-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 22:41|
Waziqhiwula yena kubo umgama ongangokugibisela ilitye, waguqa ngamadolo wathandaza,
-
42
|Lucas 22:42|
esithi, Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe, kum; kodwa makungabi kukuthanda kwam, makube kokwakho okwenzekayo.
-
43
|Lucas 22:43|
Kwabonakala ke kuye isithunywa, sivela ezulwini, simomeleza.
-
44
|Lucas 22:44|
Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile. Kwathi ke ukubila kwakhe kwanga kungamathontsi amakhulu egazi, esiwa emhlabeni.
-
45
|Lucas 22:45|
Wavuka ekuthandazeni, weza kubafundi bakhe, wabafumana belele ngokuba buhlungu kwentliziyo.
-
46
|Lucas 22:46|
Wathi kubo, Yini na ukuba nilale? Vukani, nithandaze, ukuze ningangeni ekulingweni.
-
47
|Lucas 22:47|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba usathetha, kwathi gqi indimbane, waye nalowo kuthiwa nguYuda, omnye weshumi elinababini, ehamba phambi kwabo; wasondela kuYesu eza kumanga.
-
48
|Lucas 22:48|
Uthe ke uYesu kuye, Yuda, umngcatsha uNyana woMntu ngokumanga na?
-
49
|Lucas 22:49|
Ke kaloku abo babemphahlile, bakukubona okuza kuhla, bathi kuye, Nkosi, sixabele na ngekrele?
-
50
|Lucas 22:50|
Omnye kubo abo wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7