-
-
Xhosa
-
-
11
|Lucas 4:11|
kwathiwa, Ziya kukufukula ngezandla, Hleze ubetheke etyeni ngonyawo lwakho.
-
12
|Lucas 4:12|
Waphendula uYesu wathi kuye, Kuthiwe, Uze ungayihendi iNkosi uThixo wakho.
-
13
|Lucas 4:13|
Waza uMtyholi, ekugqibile konke ukuhenda, wesuka kuye umzuzu.
-
14
|Lucas 4:14|
Wabuya uYesu enamandla oMoya, weza kwelaseGalili; kwaphuma udaba ngaye, lwaya kuloo mmandla wonke.
-
15
|Lucas 4:15|
Wabe yena efundisa ezindlwini zabo zesikhungu, ezukiswa ngabo bonke.
-
16
|Lucas 4:16|
Wafika eNazarete, apho waye ondlelwe khona, wangena ngokwesiko lakhe ngomhla wesabatha endlwini yesikhungu, wesuka wema ukuba alese.
-
17
|Lucas 4:17|
Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti, wathi, akuba eyitwabulule incwadi leyo, wafumana indawo le kubhalwe kuyo kwathiwa,
-
18
|Lucas 4:18|
UMoya weNkosi uphezu kwam, Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu. Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,
-
19
|Lucas 4:19|
Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.
-
20
|Lucas 4:20|
Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka, wahlala phantsi. Aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40