-
-
Xhosa
-
-
21
|Lucas 4:21|
Waqala ke ukuthi kubo, Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.
-
22
|Lucas 4:22|
Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe; babesithi, Lo asinguye na unyana kaYosefu?
-
23
|Lucas 4:23|
Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha.
-
24
|Lucas 4:24|
Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo.
-
25
|Lucas 4:25|
Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaSirayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe;
-
26
|Lucas 4:26|
kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela.
-
27
|Lucas 4:27|
Kanjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaSirayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.
-
28
|Lucas 4:28|
Bazala ngumsindo bonke ababesendlwini yesikhungu, bakuziva ezo zinto.
-
29
|Lucas 4:29|
Besuka bamkhuphela ngaphandle komzi, bamrholela elungqamekweni lwentaba, owakhelwe kuyo umzi wabo, ukuze bamphose ezantsi eweni.
-
30
|Lucas 4:30|
Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 39-40