-
-
Xhosa
-
-
31
|Lucas 4:31|
Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha.
-
32
|Lucas 4:32|
Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.
-
33
|Lucas 4:33|
Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo;
-
34
|Lucas 4:34|
wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.
-
35
|Lucas 4:35|
Wawukhalimela uYesu, esithi, Yithi tu, uphume kuye. Yasuka idemon yamjulela esazulwini, yaphuma kuye ingamenzakalisanga.
-
36
|Lucas 4:36|
Besuka bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba, baze baphume?
-
37
|Lucas 4:37|
Lwaye luphuma udaba lwakhe, lusiya kuzo zonke iindawo zaloo mmandla.
-
38
|Lucas 4:38|
Esukile endlwini yesikhungu, wangena endlwini kaSimon. Waye ke umkhwekazi kaSimon ebanjwe yicesina enkulu; bambika kuye.
-
39
|Lucas 4:39|
Wema phezu kwakhe, wayikhalimela icesina, yamyeka; evukile ke kwangoko, wamana ebalungiselela.
-
40
|Lucas 4:40|
Kuthe ke bakubonÂ’ ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazisa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Éxodo 37-38