-
-
Xhosa
-
-
49
|Lucas 8:49|
Kuthi, esathetha, kufike othile, evela kwamphathi-ndlu yesikhungu, esithi kuye, Ibhubhile intombi yakho; musa ukumkhathaza uMfundisi.
-
50
|Lucas 8:50|
Ekuvile ke oko uYesu, umphendule wathi, Musa ukoyika; kholwa wena kuphela, yosindiswa.
-
51
|Lucas 8:51|
Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina.
-
52
|Lucas 8:52|
Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa.
-
53
|Lucas 8:53|
Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile.
-
54
|Lucas 8:54|
Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka.
-
55
|Lucas 8:55|
Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.
-
56
|Lucas 8:56|
Besuka abazali bayo bathi nqa; wabathethela ukuba bangakuxeleli bani okuhlileyo.
-
1
|Lucas 9:1|
Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.
-
2
|Lucas 9:2|
Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10