-
-
Xhosa
-
-
23
|Lucas 9:23|
Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.
-
24
|Lucas 9:24|
Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.
-
25
|Lucas 9:25|
Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?
-
26
|Lucas 9:26|
Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.
-
27
|Lucas 9:27|
Ndithi ke kuni, Inyaniso, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa, bade babubone ubukumkani bukaThixo.
-
28
|Lucas 9:28|
Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza.
-
29
|Lucas 9:29|
Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.
-
30
|Lucas 9:30|
Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya,
-
31
|Lucas 9:31|
ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.
-
32
|Lucas 9:32|
Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10