-
-
Xhosa
-
-
33
|Lucas 9:33|
Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo.
-
34
|Lucas 9:34|
Kuthe ke, akubonÂ’ ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.
-
35
|Lucas 9:35|
Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.
-
36
|Lucas 9:36|
Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.
-
37
|Lucas 9:37|
Ke kaloku kuthe ngomhla olandelayo, bakubonÂ’ ukuba bahlile entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.
-
38
|Lucas 9:38|
Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye.
-
39
|Lucas 9:39|
Uyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; Uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu.
-
40
|Lucas 9:40|
Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.
-
41
|Lucas 9:41|
Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.
-
42
|Lucas 9:42|
AkubonÂ’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10