-
-
Xhosa
-
-
43
|Lucas 9:43|
Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo. BakubonÂ’ ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe,
-
44
|Lucas 9:44|
Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu.
-
45
|Lucas 9:45|
Kodwa bona babengaliqondi eli, lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngalo eli lizwi.
-
46
|Lucas 9:46|
Ke kaloku kwangena ukucamanga phakathi kwabo kokuthi, angaba ngubani na omkhulu phakathi kwabo.
-
47
|Lucas 9:47|
Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.
-
48
|Lucas 9:48|
Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.
-
49
|Lucas 9:49|
Waphendula uYohane wathi, Mongameli, sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi.
-
50
|Lucas 9:50|
Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu.
-
51
|Lucas 9:51|
Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.
-
52
|Lucas 9:52|
Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10