-
-
Xhosa
-
-
53
|Lucas 9:53|
Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem.
-
54
|Lucas 9:54|
Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?
-
55
|Lucas 9:55|
Wathi guququ, wabakhalimela wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na;
-
56
|Lucas 9:56|
kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi.
-
57
|Lucas 9:57|
Kwathi ke, bakubonÂ’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi.
-
58
|Lucas 9:58|
Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.
-
59
|Lucas 9:59|
Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala.
-
60
|Lucas 9:60|
Wathi ke uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.
-
61
|Lucas 9:61|
Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam.
-
62
|Lucas 9:62|
Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 9-10