-
-
Xhosa
-
-
41
|Lucas 10:41|
Waphendula ke uYesu wathi kuye, Marta, Marta, uxhaliswa uphithizeliswa zizinto ezininzi.
-
42
|Lucas 10:42|
Inye yona into efunekayo; uMariya ke unyule eso sabelo silungileyo, singayi kususwa kuye.
-
1
|Lucas 11:1|
Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane wabafundisayo abafundi bakhe.
-
2
|Lucas 11:2|
Uthe ke yena kubo, Xa sukuba nithandaza, yithini, Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho. Mabufike ubukumkani bakho. Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.
-
3
|Lucas 11:3|
Siphe imihla yonke isonka sethu semihla ngemihla, usixolele izono zethu;
-
4
|Lucas 11:4|
kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi. Ungasingenisi ekulingweni; sihlangule enkohlakalweni.
-
5
|Lucas 11:5|
Wathi kubo, Nguwuphi na kuni ongathi, enomhlobo, aze aye kuye phakathi kobusuku, athi kuye, Sihlobo, ndiboleke izonka zibe zithathu;
-
6
|Lucas 11:6|
kuba ke umhlobo wam uphambukele kum eseluhambeni, ndaye ndingenanto ke ndingayibeka phambi kwakhe;
-
7
|Lucas 11:7|
aze asuke lowo ungaphakathi aphendule athi, Musa ukundaphula; seluvaliwe ucango, nabantwana bam basesililini nam; andinako ukuvuka ndikunike?
-
8
|Lucas 11:8|
Ndithi kuni, Nokuba akayi kuvuka amnike, ngakuba engumhlobo wakhe, noko ngenxa yozingiso lwakhe olungenantloni wovuka, amnike inani alisweleyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Jueces 11-12