-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Levítico 6:27|
Bonke abasukuba bechukumisa inyama yalo boba ngcwele; nabasukuba bechaphazela iingubo ngegazi lalo, boyihlamba loo nto ichatshazelweyo endaweni engcwele.
-
28
|Levítico 6:28|
Ke yona impahla yodongwe eliphekwe ngayo mayiqhekezwe; ukuba lithe laphekwa ngempahla yobhedu, yoguxwa, ixukuxwe ngamanzi.
-
29
|Levítico 6:29|
Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla: liyingcwele kangcwele lona.
-
30
|Levítico 6:30|
Ke lonke idini lesono, ekuziswe inxalenye yegazi lalo ententeni yokuhlangana, ukuba kucanyagushwe engcweleni, malingadliwa, malitshiswe ngomlilo.
-
1
|Levítico 7:1|
Nguwo lo umyalelo wedini letyala: liyingcwele kangcwele lona.
-
2
|Levítico 7:2|
Apho kuxhelelwa khona idini elinyukayo, loxhelelwa khona idini letyala, negazi lalo litshizwe lijikelezise esibingelelweni.
-
3
|Levítico 7:3|
Wosondeza onke amanqatha alo akulo, umsila, nomhlehlo ogubungela izibilini,
-
4
|Levítico 7:4|
nezintso zombini, nenqatha lazo, nelisemihlubulweni, nomhlehlo ophezu kwesibindi, ewususa ngasezintsweni; aqhumisele ngezo nto umbingeleli esibingelelweni.
-
5
|Levítico 7:5|
Kukudla kwasemlilweni kuYehova, lidini letyala ke elo.
-
6
|Levítico 7:6|
Yonke into eyindoda phakathi kwababingeleli yolidla; lodliwa endaweni engcwele; liyingcwele kangcwele lona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32