-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Levítico 7:7|
Njengoko linjalo idini lesono, linjalo idini letyala: mnye umyalelo kuwo omabini; umbingeleli ocamagusha ngalo, loba lelakhe.
-
8
|Levítico 7:8|
Umbingeleli osondeza idini elinyukayo lomntu, isikhumba sedini elinyukayo alisondezayo soba sesombingeleli.
-
9
|Levítico 7:9|
Nomnikelo wonke wokudla owosiwa ezikweni lezonka, nawo wonke owenzelwa epanini nasembizeni, woba ngowombingeleli owusondezayo.
-
10
|Levítico 7:10|
Ke umnikelo wonke wokudla ogalelwe ioli, nowomileyo, woba ngowoonyana bonke baka-Aron, omnye abe njengomnye.
-
11
|Levítico 7:11|
Nguwo lo umyalelo wombingelelo woxolo, aya kuwusondeza kuYehova.
-
12
|Levítico 7:12|
Ukuba uthe wasondeza ngenxa yombulelo, wosondeza phezu kombingelelo wombulelo imiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli, nomgubo ocoliweyo, okroqiweyo, oyimiqhathane egalelwe ioli.
-
13
|Levítico 7:13|
Kunye nemiqhathane yesonka esingenagwele, wosondeza umsondezo wakhe phezu kombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo;
-
14
|Levítico 7:14|
asondeze ube mnye othatyathwe emsondezweni wonke, ube ngumrhumo kuYehova, ube ngowombingeleli olitshizayo igazi lombingelelo woxolo.
-
15
|Levítico 7:15|
Nenyama yombingelelo wakhe wombulelo ongowoxolo yodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe, kungashiywa nento kuyo kude kuse.
-
16
|Levítico 7:16|
Ke ukuba umbingelelo womsondezo wakhe uthe waba ngowesibhambathiso, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, wodliwa ngomhla wokusondeza kwakhe umbingelelo wakhe; okuseleyo kuwo kudliwe ngengomso.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32