-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Levítico 7:27|
Wonke ubani osukuba esidla nto iligazi, loo mntu wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
-
28
|Levítico 7:28|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
29
|Levítico 7:29|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Lowo usondeza umbingelelo wakhe woxolo kuYehova, ukuwuzisa umsondezo wakhe kuYehova, wowuthabatha kumbingelelo wakhe woxolo lowo.
-
30
|Levítico 7:30|
Izandla zakhe zokuzisa ukudla kwasemlilweni kukaYehova: inqatha eliphezu kwencum wolizisa kunye nencum, ukuba litshangatshangiswe libe ngumtshangatshangiso phambi koYehova.
-
31
|Levítico 7:31|
Umbingeleli woqhumisela ngenqatha elo esibingelelweni; ke yona incum ibe yeka-Aron neyoonyana bakhe;
-
32
|Levítico 7:32|
umlenze wasekunene niwunike umbingeleli, ube ngumrhumo kumbingeleli emibingelelweni yenu yoxolo.
-
33
|Levítico 7:33|
Lowo phakathi koonyana baka-Aron, usondeza igazi lombingelelo woxolo nenqatha, umlenze wasekunene woba ngowakhe, ube sisabelo sakhe.
-
34
|Levítico 7:34|
Kuba incum yomtshangatshangiso, nomlenze womrhumo, ndiwuthabathile koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo; ndiwunike uAron umbingeleli, noonyana bakhe, ukuba ube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli.
-
35
|Levítico 7:35|
Ezo nto ngumxhesho ka-Aron, nomxhesho woonyana bakhe, ekudleni kwasemlilweni kukaYehova, ngomhla awabasondezayo ukuba babe ngababingeleli kuYehova;
-
36
|Levítico 7:36|
awawisa umthetho uYehova, ngomhla wokubathambisa kwakhe, ukuba bawunikwe ngoonyana bakaSirayeli; ube ngummiselo ongunaphakade lowo ezizukulwaneni zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32