-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Levítico 7:37|
Nguwo lowo umyalelo wedini elinyukayo, nowomnikelo wokudla, nowedini lesono, nowedini letyala, nowokumisela, nowombingelelo woxolo,
-
38
|Levítico 7:38|
awamwisela umthetho ngawo uYehova uMoses, entabeni yaseSinayi, ngomhla wokubawisela kwakhe umthetho oonyana bakaSirayeli, ukuba basondeze imisondezo yabo kuYehova, entlango yaseSinayi.
-
1
|Levítico 8:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Levítico 8:2|
Thabatha ooAron noonyana bakhe kunye naye, nezambatho ezo, neoli yokuthambisa, nenkunzi entsha yenkomo yedini lesono, neenkunzi zezimvu zibe mbini, nengobozi yezonka ezingenagwele;
-
3
|Levítico 8:3|
ulibizele ndawonye lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
-
4
|Levítico 8:4|
Wenza uMoses ngoko uYehova wamwisela umthetho ngako; walibizela ndawonye ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
-
5
|Levítico 8:5|
Wathi uMoses kwibandla, Yiyo le into awise umthetho ngayo uYehova ukuba yenziwe.
-
6
|Levítico 8:6|
UMoses wabasondeza ke ooAron noonyana bakhe, wabahlamba ngamanzi.
-
7
|Levítico 8:7|
Wamnxiba ingubo yangaphantsi, wambhinqisa umbhinqo, wamambathisa ngengubo yokwaleka, wamnxiba iefodi, wambhinqisa umbhinqo we-efodi, wayibhinqa ngawo;
-
8
|Levítico 8:8|
wamnxiba ubengo; elubengweni wafaka iiUrim neeTumim;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32