-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Levítico 8:9|
wamfaka unkontsho entloko; elunkontshweni ngaphambili wabeka imbasa yegolide, isithsaba esingcwele, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
10
|Levítico 8:10|
Wayithabatha uMoses ioli yokuthambisa, wawuthambisa umnquba neento zonke ezikuwo, wazingcwalisa;
-
11
|Levítico 8:11|
wafefa ngenxalenye yayo esibingelelweni izihlandlo zosixhenxe, wasithambisa isibingelelo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ukuba zingcwaliswe ezo zinto.
-
12
|Levítico 8:12|
Wagalela inxalenye yeoli yokuthambisa kuAron entloko, wamthambisa ukuba angcwaliswe.
-
13
|Levítico 8:13|
UMoses wabasondeza oonyana baka-Aron, wabanxiba iingubo zangaphantsi, wababhinqisa umbhinqo, wababopha iminqwazi, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
-
14
|Levítico 8:14|
Wasondeza inkunzi entsha yenkomo yedini lesono, bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabo phezu kwentloko yenkunzi entsha yedini lesono.
-
15
|Levítico 8:15|
Yaxhelwa ke; walithabatha uMoses igazi, walidyobha wajikelezisa ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakhe, isibingelelo wasihlambulula sona, waliphalazela igazi esisekweni sesibingelelo, wasingcwalisa, ukuba asicamagushele.
-
16
|Levítico 8:16|
Wawathabatha onke amanqatha asezibilinini, nomhlehlo wesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, waqhumisela ngezo zinto uMoses esibingelelweni.
-
17
|Levítico 8:17|
Ke inkunzi entsha yenkomo, nesikhumba sayo, nenyama yayo, nomswane wayo, wayitshisa ngomlilo ngaphandle kweminquba, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
-
18
|Levítico 8:18|
Wayisondeza inkunzi yemvu yedini elinyukayo; bacinezela ooAron noonyana bakhe ngezandla zabophezu kwentloko yenkunzi yemvu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 31-32