-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 18:1|
Wathi uYehova kuAron, Wena noonyana bakho, nendlu kayihlo ndawonyenawe, nobuthwala ubugwenxa obenziwe kwindawo engcwele; wena noonyana bakho ndawonye nawe nobuthwala ubugwenxa bobubingeleli benu.
-
2
|Números 18:2|
Kananjalo abazalwana bakho, isizwe sakwaLevi, isizwe sikayihlo, wobasondeza nawe, banamathele kuwe, balungiselele wena; wena ke, noonyana bakho ndawonye nawe, phambi kwentente yesingqino.
-
3
|Números 18:3|
Bogcina isigxina sakho nesigxina sentente yonke; kodwa empahleni yengcwele nasesibingelelweni mabangasondeli, ukuze bangafi bona aba kwanani.
-
4
|Números 18:4|
Bonamathela kuwe, bagcine isigxina sentente yokuhlangana emsebenzini wonke wayo intente; ke owase unzini aze angasondeli kuni.
-
5
|Números 18:5|
Nize nigcine isigxina sengcwele nesigxina sesibingelo, kungabuyi kubhekho burhalarhume phezu koonyana bakaSirayeli.
-
6
|Números 18:6|
Mna ke, yabona, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; nibanikiwe bangumnikelo kuYehova wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana.
-
7
|Números 18:7|
Ke wena noonyana bakho ndawonye nawe, nobugcina ububingeleli benu ezintweni zonke zesibingelelo, nangaphaya komkhusane; nisebenze umsebenzi. Ndininika ububingeleli ukuba bube ngumsebenzi eniwunikiweyo. Owasemzini osondelayo uya kubulawa.
-
8
|Números 18:8|
Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade.
-
9
|Números 18:9|
Yile into eyoba yeyakho ezintweni eziyingcwele kangcwele, ekudleni kwasemlilweni: yonke imisondezo yabo, eminikelweni yabo yokudla, nasemadinini abo onke esono, nasemadinini abo onke etyala, abayibuyisela kum, yoba ziinto eziyingcwele kangcwele kuwe nakoonyana bakho.
-
10
|Números 18:10|
Nozidla engcweleni kangcwele; yonke into eyindoda yozidla; zoba ngcwele kuwe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10