-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 18:21|
Uyabona, oonyana bakaLevi ndibanika zonke izishumi kwaSirayeli, ukuba zibe lilifa, ngenxa yomsebenzi wabo abasebenza wona, umsebenzi wentente yokuhlangana;
-
22
|Números 18:22|
bangaphindi oonyana bakaSirayeli basondele ententeni yokuhlangana, hleze bathwale isono bafe.
-
23
|Números 18:23|
Ke bona abaLevi bosebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, babuthwale ubugwenxa babo; ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu. Abayi kuba nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
-
24
|Números 18:24|
Ngokuba isishumi soonyana bakaSirayeli, abasirhumela uYehova umrhumo, ndisinika abaLevi sibe lilifa. Ngenxa yoko ndithe kubo, Mabangabi nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
-
25
|Números 18:25|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
26
|Números 18:26|
Thetha kubaLevi, uthi kubo, Xa nithe nasithabatha koonyana bakaSirayeli isishumi endininika sona, esiphuma kubo sililifa lenu, norhuma ngaso umrhumo kaYehova, ngesishumi sesishumi.
-
27
|Números 18:27|
Wothi umrhumo wenu ubalelwe kuni uyingqolowa yasesandeni, uyinzaliseko yasesixovulelweni.
-
28
|Números 18:28|
Ngokunjalo nani norhuma umrhumo kaYehova ngezishumi zenu zonke enizithabathayo koonyana bakaSirayeli, nimnika uAron umbingeleli kuzo umrhumo kaYehova.
-
29
|Números 18:29|
Eminikelweni yonke eniyinikiweyo, norhuma imirhumo yonke kaYehova; ekutyebeni kwayo konke norhuma into yakhe eyingcwele ivela kuyo.
-
30
|Números 18:30|
Uze uthi ke kubo, Ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo, kobalelwa kubaLevi, ilungeniselo lwesanda, ilungeniselo lwesixovulelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10