-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 18:11|
Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.
-
12
|Números 18:12|
Konke ukutyeba kweoli, konke ukutyeba kwewayini entsha, nokwengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona.
-
13
|Números 18:13|
Iintlahlela zeento zonke ezisezweni labo, abazizisa kuYehova, zoba zezakho; bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bozidla.
-
14
|Números 18:14|
Zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli zoba zezakho.
-
15
|Números 18:15|
Zonke izinto ezivula isizalo kwinyama yonke, abaya kuzisondeza kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, zoba zezakho. Kodwa wona amazibulo abantu wowakhulula ngokuwamisela; amazibulo ezinto ezizitho zine eziziinqambi wowakhulula ngokuwamisela.
-
16
|Números 18:16|
Ukukhululwa komntu ke womkhulula ngokummisela, uthabathela kumntwana onyanga-nye, ngokulinganisela kwakho isilivere yeeshekele ezintlanu ngokweshekele yengcwele, eziigera ezimashumi mabini.
-
17
|Números 18:17|
Kodwa amazibulo eenkomo, namazibulo ezimvu, namazibulo eebhokhwe, akuyi kuwakhulula ngokuwamisela. Angcwele wona; igazi lawo wolitshiza esibingelelweni, uqhumisele ngamanqatha awo; kukudla kwasemlilweni ke oko, livumba elithozamisayo kuYehova.
-
18
|Números 18:18|
Inyama yawo yoba yeyakho; njengencum yomtshangatshangiso, nanjengomlenze wasekunene, yoba yeyakho.
-
19
|Números 18:19|
Yonke imirhumo engcwele, abayirhumela uYehova oonyana bakaSirayeli, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ibe ngummiselo ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova, kuwe nakwimbewu yakho ndawonye nawe.
-
20
|Números 18:20|
Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; ndisisabelo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10