- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Números 26:1|
									Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Números 26:2|
									Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli,  nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse,  ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Números 26:3|
									UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Números 26:4|
									Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse,  njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Números 26:5|
									Oonyana bakaSirayeli abaphumayo ezweni lamaYiputa babengaba: kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen:  nguHanoki ozala amaHanoki; nguPalu ozala amaPalu;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Números 26:6|
									nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Números 26:7|
									Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwayo kuyo babengamashumi amane anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe,  anamanci mathathu.									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Números 26:8|
									Oonyana bakaPalu nguEliyabhi.									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Números 26:9|
									Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova;									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Números 26:10|
									waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufenikwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 14-15