-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
51
|Números 26:51|
Ngabo abo ababalwayo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.
-
52
|Números 26:52|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
53
|Números 26:53|
Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama.
-
54
|Números 26:54|
Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinikwe ilifa ngokwababalwayo kuso.
-
55
|Números 26:55|
Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise;
-
56
|Números 26:56|
labiwe ilifa lazo ngokweqashiso, phakathi kwesininzi nesincinane.
-
57
|Números 26:57|
Ngabo aba ababalwayo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari.
-
58
|Números 26:58|
Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram.
-
59
|Números 26:59|
Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo.
-
60
|Números 26:60|
UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7