-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 2:1|
Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
-
2
|Números 2:2|
Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke.
-
3
|Números 2:3|
Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi;
-
4
|Números 2:4|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi osixhenxe anesine amawaka, anamakhulu mathandathu.
-
5
|Números 2:5|
Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare;
-
6
|Números 2:6|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane.
-
7
|Números 2:7|
Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon;
-
8
|Números 2:8|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulumane.
-
9
|Números 2:9|
Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mane, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.
-
10
|Números 2:10|
Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10