-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Números 2:11|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kuye, ngamashumi omane anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.
-
12
|Números 2:12|
Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;
-
13
|Números 2:13|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.
-
14
|Números 2:14|
Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli;
-
15
|Números 2:15|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.
-
16
|Números 2:16|
Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mane, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini.
-
17
|Números 2:17|
Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.
-
18
|Números 2:18|
Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude;
-
19
|Números 2:19|
umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu.
-
20
|Números 2:20|
Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10