-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
45
|Números 33:45|
Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.
-
46
|Números 33:46|
Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-dihlatayim.
-
47
|Números 33:47|
Banduluka eAlimon-dihlatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho.
-
48
|Números 33:48|
Banduluka ezintabeni zeAbharim, bamisa ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko,
-
49
|Números 33:49|
Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi.
-
50
|Números 33:50|
Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi,
-
51
|Números 33:51|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan,
-
52
|Números 33:52|
nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise;
-
53
|Números 33:53|
nilihluthe ilizwe, nihlale kulo; kuba ndininikile ilizwe eli, ukuba nime kulo.
-
54
|Números 33:54|
Nize nilabe ilizwe ngamaqashiso ngokwemizalwane yenu. Omninzi nolenza lininzi ilifa lawo, omncinane nilenze lincinane ilifa lawo; ingulowo ube sendaweni elothiliwe kuyo iqashiso lawo. Nolidla ilifa ngokwezizwe zooyihlo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19