-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
55
|Números 33:55|
Ukuba anithanga nibagqogqe abemi belizwe phambi kwenu, kothi abo nibasalisileyo babengameva emehlweni enu, neemviko emacaleni enu, banibandezele ezweni enihleli kulo.
-
56
|Números 33:56|
Kothi, njengoko ndagqibayo ukwenza kubo, ndenze ngako nakuni.
-
1
|Números 34:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 34:2|
Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, uthi kubo, Xa nithe nangena ezweni lakwaKanan (lilo eli ilizwe eliya kuwela kuni libe lilifa, ilizwe lakwaKanan ngokwemida yalo),
-
3
|Números 34:3|
icala lenu lasezantsi lothabathela entlango yeTsin, ngasemacaleni akwaEdom; nomda wenu wasezantsi wothabathela esiphelweni soLwandle lweTyuwa ngasempumalanga;
-
4
|Números 34:4|
umda wenu ujikele ezantsi, uye ekunyukeni kweAkrabhim, udlule uye eTsin, nokuphuma kwawo usinge ezantsi eKadeshe-bharneha; uphume uye eHatsare-adare, udlule uye eAtsemon;
-
5
|Números 34:5|
umda ujikele eAtsemon, uye emlanjaneni waseYiputa; ukuphuma kwawo usinge elwandle.
-
6
|Números 34:6|
Umda wenu wasentshonalanga woba lulwandle olukhulu, nommandla walo; lowo woba ngumda wenu wasentshonalanga.
-
7
|Números 34:7|
Woba ngulo umda wenu wangasentla: nothabathela elwandle olukhulu, nizisikele intaba yeHore;
-
8
|Números 34:8|
nithabathele entabeni yeHore, nisike niye eHamati; ukuphuma komda, uye eTsedada;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7