-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
13
|Números 5:13|
kwalala enye indoda naye, kwafihlakala emehlweni endoda yakhe, kwasithela, wazenza inqambi yena, akaba nangqina, akabanjwa;
-
14
|Números 5:14|
yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, eyinqambi yena; nokuba yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo engeyiyo inqambi:
-
15
|Números 5:15|
indoda leyo mayimzise umkayo kumbingeleli, iwuzise umsondezo wakhe ngenxa yakhe, isahlulo seshumi se-efa yomgubo werhasi, ingagaleli oli phezu kwawo, ingabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba ngumnikelo wokudla wobukhwele, ngumnikelo wokudla wenkumbuzo, okhumbuza ubugwenxa obo.
-
16
|Números 5:16|
Umbingeleli womsondeza, ammise phambi koYehova,
-
17
|Números 5:17|
athabathe umbingeleli amanzi angcwele ngomphanda, athabathe umbingeleli naseluthulini olusemgangathweni womnquba, alugalele emanzini lawo.
-
18
|Números 5:18|
Umbingeleli wommisa ke umfazi phambi koYehova, amcombulule iinwele loo mfazi, awubeke ezandleni zakhe umnikelo wokudla wenkumbuzo, umnikelo wokudla wobukhwele lowo, abe esesandleni sombingeleli amanzi obukrakra esiqalekiso;
-
19
|Números 5:19|
umbingeleli amfungise, athi kumfazi, Ukuba akuthanga kulale ndoda nawe, nokuba akuthanga unxaxhele ebunqambini, unendoda yakho, yiba msulwa kula manzi obukrakra esiqalekiso.
-
20
|Números 5:20|
Ke wena, xa uthe wanxaxha, unendoda yakho, xa uthe wazenza inqambi, walalwa yenye indoda engeyiyo indoda yakho:
-
21
|Números 5:21|
umbingeli womfungisa umfazi lowo isifungo— sokuzishwabulela, athi umbingeleli kumfazi, UYehova makakwenze isishwabulo, nesithuko phakathi kwabantu bakowenu, ngokuthi uYehova alintshwenyise ithanga lakho, asidumbise isisu sakho;
-
22
|Números 5:22|
angene la manzi esiqalekiso embilinini wakho, akudumbise isisu, akuntshwenyise ithanga. Wothi loo mfazi, Amen, amen.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7