-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
23
|Números 5:23|
Makazibhale ezo zishwabulo umbingeleli encwadini, azicime ngaloo manzi obukrakra,
-
24
|Números 5:24|
amseze umfazi amanzi obukrakra esiqalekiso, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra.
-
25
|Números 5:25|
Wowuthabatha umbingeleli esandleni somfazi umnikelo wokudla wobukhwele, awutshangatshangise umnikelo wokudla phambi koYehova, amsondeze esibingelelweni;
-
26
|Números 5:26|
asube umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni, emveni koko amseze umfazi amanzi lawo.
-
27
|Números 5:27|
Emsezile amanzi lawo, kothi ukuba ubezenze inqambi, wayimenezela indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra, sidumbe isisu sakhe, lintshwenye ithanga lakhe, lo mfazi abe sisishwabulo phakathi kwabantu bakowabo.
-
28
|Números 5:28|
Ke ukuba lo mfazi ubengathanga azenze nqambi, uhlambulukile yena; woba msulwa, amithe.
-
29
|Números 5:29|
Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, wazenza inqambi;
-
30
|Números 5:30|
nokuba indoda ithe yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, yammisa umfazi phambi koYehova, umbingeleli wawenza kuye wonke lo myalelo.
-
31
|Números 5:31|
Yoba msulwa ke indoda yakhe kobo bugwenxa, loo mfazi abuthwale obo bugwenxa bakhe.
-
1
|Números 6:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7