-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
26
|Números 8:26|
Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi. Uya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.
-
1
|Números 9:1|
Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, ngenyanga yokuqala, esithi,
-
2
|Números 9:2|
Oonyana bakaSirayeli mabayenze ipasika ngexesha layo elimisiweyo.
-
3
|Números 9:3|
Noyenza ngomhla weshumi elinesine kuloo nyanga, lakutshona ilanga, ngexesha layo elimisiweyo. Noyenza ngokwemimiselo yayo yonke, nangokwamasiko ayo onke.
-
4
|Números 9:4|
Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, ukuba bayenze ipasika.
-
5
|Números 9:5|
Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
-
6
|Números 9:6|
Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;
-
7
|Números 9:7|
athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli?
-
8
|Números 9:8|
Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni nangani.
-
9
|Números 9:9|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10