-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Números 9:10|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.
-
11
|Números 9:11|
Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, kunye nezonka ezingenagwele bayidle inemithana ekrakra;
-
12
|Números 9:12|
bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika.
-
13
|Números 9:13|
Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.
-
14
|Números 9:14|
Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.
-
15
|Números 9:15|
Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.
-
16
|Números 9:16|
Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.
-
17
|Números 9:17|
Kube kusithi, linganyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.
-
18
|Números 9:18|
Ngokomlomo kaYehova banduluka oonyana bakaSirayeli, ngokomlomo kaYehova bamisa; yonke imihla elathi zinzi ngayo ilifu phezu komnquba, bamisa.
-
19
|Números 9:19|
Lakolula ilifu imihla emininzi lihleli phezu komnquba, basigcina isigxina sikaYehova oonyana bakaSirayeli, abanduluka.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10