-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Números 9:20|
Kwathi, lakubakho ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, abanduluka. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka.
-
21
|Números 9:21|
Kube kusithi lakubakho ilifu ngokuhlwa kude kuse, lakunyuswa ke ilifu kwakusa, banduluke; nokubabekusemini, nokuba bekusebusuku, lakunyuswa ilifu, banduluka.
-
22
|Números 9:22|
Nokuba yimihla emibini, nokuba yinyanga, nokuba yimihla ethile ukolula kwelifu phezu komnquba, ukuthi zinzi kwalo phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, abanduluka; ekunyukeni kwalo ke banduluka.
-
23
|Números 9:23|
Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka. Basigcina isigxina sikaYehova ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
-
1
|Números 10:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 10:2|
Zenzele amaxilongo esilivere ekhandiweyo, abe mabini, abe ngawokubiza ibandla, nokundulula iminquba.
-
3
|Números 10:3|
Kwakuvuthelwa ixilongo kuqutshwa, lozihlanganisela kuwe lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
-
4
|Números 10:4|
Ukuba kuthe kwavuthelwa ixilongo, kwaqutshwa ngakanye, zozihlanganisela kuwe izikhulu, iintloko zamawaka akwaSirayeli.
-
5
|Números 10:5|
Nakuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga.
-
6
|Números 10:6|
Nakuvuthela nolule okwesibini, yonduluka iminquba emise ngasezantsi; bovuthela bolule ukuba induluke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10