-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 11:1|
Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.
-
2
|Números 11:2|
Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.
-
3
|Números 11:3|
Wathi igama laloo ndawo yiTabhera: ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.
-
4
|Números 11:4|
Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubanina oya kusinika inyama sidle.
-
5
|Números 11:5|
Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelize, kwaneekomkomere, neevatala, neelike, namatswele, nekinofile.
-
6
|Números 11:6|
Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana yodwa emehlweni ethu.
-
7
|Números 11:7|
Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire; ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.
-
8
|Números 11:8|
Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.
-
9
|Números 11:9|
Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.
-
10
|Números 11:10|
Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10