-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 11:21|
Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke uthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela.
-
22
|Números 11:22|
Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona nazonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?
-
23
|Números 11:23|
Wathi uYehova kuMoses, Isandla sikaYehova sifutshane na? Ngoku uya kubona ukuba ilizwi lam liya kwenzeka, aliyi kwenzeka, kusini na.
-
24
|Números 11:24|
Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni.
-
25
|Números 11:25|
Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe; kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.
-
26
|Números 11:26|
Ke kaloku kwasala amadoda amabini eminqubeni, igama lenye linguElidade, igama leyesibini linguMedade; wahlala umoya phezu kwawo; aba kwababhalwayo wona, kodwa akaphumanga aye ententeni; aprofeta eminqubeni.
-
27
|Números 11:27|
Kwagidima umfana, waxelela uMoses, wathi, OoElidade noMedade bayaprofeta eminqubeni phaya.
-
28
|Números 11:28|
Waphendula uYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wakwabanyuliweyo bakhe, wathi, Nkosi yam, Moses, bathintele.
-
29
|Números 11:29|
Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!
-
30
|Números 11:30|
Wabuya uMoses, waya eminqubeni, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10