-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Números 11:31|
Kwesuka umoya kuYehova, waguqula izagwityi elwandle, wazithi saa eminqubeni, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zajikeleza iminquba; zangangeekubhite zombini, ukuphakama phezu komhlaba.
-
32
|Números 11:32|
Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni.
-
33
|Números 11:33|
Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.
-
34
|Números 11:34|
Kwathiwa igama laloo ndawo yiKibroti-hatahava; ngokuba bangcwatyelwa khona abantu abakhanukayo.
-
35
|Números 11:35|
Banduluka abantu eKibroti-hatahava, baya eHatseroti, baba seHatseroti.
-
1
|Números 12:1|
Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi.
-
2
|Números 12:2|
Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova.
-
3
|Números 12:3|
Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.
-
4
|Números 12:4|
Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.
-
5
|Números 12:5|
Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10