-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Números 13:30|
Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siyakuleyisa kakade.
-
31
|Números 13:31|
Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.
-
32
|Números 13:32|
Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.
-
33
|Números 13:33|
Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.
-
1
|Números 14:1|
Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ungobo busuku.
-
2
|Números 14:2|
Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!
-
3
|Números 14:3|
Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwelikrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?
-
4
|Números 14:4|
Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.
-
5
|Números 14:5|
Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.
-
6
|Números 14:6|
UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10