-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Números 14:7|
Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.
-
8
|Números 14:8|
Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.
-
9
|Números 14:9|
Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.
-
10
|Números 14:10|
Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.
-
11
|Números 14:11|
Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini nabengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo?
-
12
|Números 14:12|
Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo.
-
13
|Números 14:13|
Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;
-
14
|Números 14:14|
abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ubonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku.
-
15
|Números 14:15|
Ukuba uthe wababulala aba bantu njengandoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi,
-
16
|Números 14:16|
Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubasa abobantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10