-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
37
|Números 14:37|
wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, afa sisibetho eso phambi koYehova.
-
38
|Números 14:38|
Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.
-
39
|Números 14:39|
Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.
-
40
|Números 14:40|
Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siyakunyuka siyekuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.
-
41
|Números 14:41|
Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova? Le nto ayiyi kuphumelela.
-
42
|Números 14:42|
Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningagxothwa ziintshaba zenu.
-
43
|Números 14:43|
Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova.
-
44
|Números 14:44|
Bagxalathelana, benyuka baya encotsheni yentaba; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova noMoses ayiphumanga phakathi kweminquba.
-
45
|Números 14:45|
Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma.
-
1
|Números 15:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10