-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
2
|Números 15:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika ezweni lokuhlala kwenu endininika lona,
-
3
|Números 15:3|
nenza ukudla kwasemlilweni kuYehova, idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, nokuba ngowamaxesha enu amisiweyo, nisenza ivumba elithozamisayo kuYehova, nithabatha kwiinkomo, nokuba nithabatha kwimpahla emfutshane:
-
4
|Números 15:4|
lowo uwusondezayo umsondezo wakhe kuYehova, wosondeza umnikelo wokudla osisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe isahlulo sesine sehin yeoli;
-
5
|Números 15:5|
nesahlulo sesine sehin yewayini yomnikelo othululwayo, usenze ndawonye nedini elinyukayo; nokuba ngumbingelelo, ube ngowamvana-nye.
-
6
|Números 15:6|
Nokuba ngowenkunzi yegusha, wowenza umnikelo wokudla ube zizahlulo ezibini zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisahlulo sesithathu sehin;
-
7
|Números 15:7|
newayini yomnikelo othululwayo, isahlulo sesithathu sehin, uyisondeze ibe livumba elithozamisayo kuYehova.
-
8
|Números 15:8|
Xa uthe wenza ithole lenkomo idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowoxolo kuYehova:
-
9
|Números 15:9|
wosondeza ndawonye nethole lenkomo umnikelo wokudla, ube zizahlulo ezithathu zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisiqinqatha sehin.
-
10
|Números 15:10|
Woyisondeza newayini ibe yeyomnikelo othululwayo, esisiqingatha sehin: ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova;
-
11
|Números 15:11|
kwenjiwe njalo kwinkomo enye, nokuba kukwinkunzi yemvu enye, nokuba kukwitakane legusha elinye, nelebhokhwe elinye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10