-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Números 15:32|
Kwathi, oonyana bakaSirayeli besentlango, bafumana umntu etheza iinkuni ngomhla wesabatha.
-
33
|Números 15:33|
Abo bamfumanayo etheza iinkuni, bamsondeza kuMoses nakuAron nakwibandla lonke;
-
34
|Números 15:34|
bamfaka elugcinweni, kuba bekungekamiswa okuya kwenziwa kuye.
-
35
|Números 15:35|
Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba.
-
36
|Números 15:36|
Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
-
37
|Números 15:37|
Wathi uYehova kuMoses,
-
38
|Números 15:38|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, mabenze iintshinga emasondweni eengubo zabo, kwizizukulwana zabo, bafake entshingeni yesondo intsontelo ebala limsi.
-
39
|Números 15:39|
Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona;
-
40
|Números 15:40|
ukuze niyikhumbule niyenze yonke imithetho yam, nibe ngcwele kuThixo wenu.
-
41
|Números 15:41|
NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo kuni: ndinguYehova, uThixo wenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10