-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Números 16:21|
Zahluleni kweli bandla; ndiya kubagqibela ngephanyazo.
-
22
|Números 16:22|
Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, kone umntu wamnye nje, unoburhalarhume kwibandla lonke na?
-
23
|Números 16:23|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
24
|Números 16:24|
Thetha kwibandla, uthi, Sukani nimke ngeenxa zonke emzini kaKora noDatan noAbhiram.
-
25
|Números 16:25|
Wesuka uMoses, waya kuDatan noAbhiram; amlandela amadoda amakhulu akwaSirayeli.
-
26
|Números 16:26|
Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.
-
27
|Números 16:27|
Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.
-
28
|Números 16:28|
Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.
-
29
|Números 16:29|
Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga.
-
30
|Números 16:30|
Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10