-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 17:1|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
2
|Números 17:2|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthabathe kubo iintonga: intonga ngokwendlu yooyise, kwiinkulu zabo zonke ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinambini, ubhale igama lalowo nalowo entongeni yakhe.
-
3
|Números 17:3|
Wobhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi; kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise.
-
4
|Números 17:4|
Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwesingqino, apho ndihlangana nani khona.
-
5
|Números 17:5|
Kothi indoda endinyule yona, intonga yayo idubule; ndikuphelise phambi kwam ukukrokra koonyana bakaSirayeli, ababenikrokrela ngako.
-
6
|Números 17:6|
Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo.
-
7
|Números 17:7|
Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino.
-
8
|Números 17:8|
Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.
-
9
|Números 17:9|
Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.
-
10
|Números 17:10|
Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10