-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Números 16:31|
Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo;
-
32
|Números 16:32|
umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke.
-
33
|Números 16:33|
Behla bona besaphilile, nento yonke abanayo, baya kwelabafileyo, umhlaba wabaselela, batshabalala, ababakho phakathi kwesikhungu.
-
34
|Números 16:34|
Onke amaSirayeli abebangqongile abalekiswa sisithonga sesikhalo sabo; ngokuba abesithi, Hleze umhlaba usiginye nathi.
-
35
|Números 16:35|
Kwaphuma umlilo kuYehova, wawadla amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu, asondeza isiqhumiso.
-
36
|Números 16:36|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
37
|Números 16:37|
Yitsho kuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, azichole iingcedevu eluvundwini, wena uwuchithachithele kude umlilo, ngokuba zingcwele.
-
38
|Números 16:38|
Iingcedevu zabo bonayo ngakwimiphefumlo yabo, ize nizenze izixwexwe ezicekethekileyo zokwaleka isibingelelo; ngokuba bazisondeza phambi koYehova zangcwaliswa. Zoba ngumqondiso koonyana bakaSirayeli.
-
39
|Números 16:39|
Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo.
-
40
|Números 16:40|
Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10