-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Números 16:1|
Ke kaloku uKora, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen,
-
2
|Números 16:2|
bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla ezanyulwa yintlanganiso, amadoda anodumo; bavukelana noMoses.
-
3
|Números 16:3|
Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?
-
4
|Números 16:4|
Weva uMoses, wawa ngobuso.
-
5
|Números 16:5|
Wathetha kuKora nakwibandla lakhe lonke, esithi, Ngomso uYehova uya kwazisa ongowakhe, ongcwele, amsondeze kuye, lowo amnyulileyo womsondeza kuye.
-
6
|Números 16:6|
Yenzani oku: zithabatheleni iingcedevu, wena Kora nebandla lakho lonke,
-
7
|Números 16:7|
nibeke umlilo kuzo, nibeke isiqhumiso phezu kwazo phambi koYehova ngomso. Kothi, umntu athe uYehova wamnyula abe ngcwele yena; senanele nina, nyana bakaLevi.
-
8
|Números 16:8|
Wathi uMoses kuKora, Khanive, nina nyana bakaLevi.
-
9
|Números 16:9|
Yinto encinane na kuni, ukuba uThixo kaSirayeli anahlule kwibandla lakwaSirayeli, anisondeze kuye, ukubanisebenze umsebenzi womnquba kaYehova, nime phambi kwebandla, nilungiselele kubo,
-
10
|Números 16:10|
ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10