-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
12
|Números 15:12|
Ngangenani enithe nalenza, niya kwenjenjalo kuyo inye, kube ngangenani lazo.
-
13
|Números 15:13|
Bonke abo bazalelwe kuloo ndawo baya kwenjenjalo kwezo zinto ekusondezeni kwabo ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova.
-
14
|Números 15:14|
Xa athe waphambukela kuni umphambukeli, nokuba ngophakathi kwenu ezizukulwaneni zenu, wenza ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: njengoko nenza ngako nina, uya kwenza ngakonaye.
-
15
|Números 15:15|
Ngokubhekisele kuso isikhungu, woba mnye ummiselo kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni, ummiselo ongunaphakade kwizizukulwana zenu. Njengoko ninjalo nina, woba njalo umphambukeli phambi koYehova.
-
16
|Números 15:16|
Umyalelo woba mnye, nesiko loba linye kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni.
-
17
|Números 15:17|
Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
-
18
|Números 15:18|
Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Ekufikeni kwenu ezweni elondinisa kulo,
-
19
|Números 15:19|
kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo.
-
20
|Números 15:20|
Norhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesanda, nowenjenjalo ukuwurhuma.
-
21
|Números 15:21|
Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10