-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
22
|Números 15:22|
Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,
-
23
|Números 15:23|
zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu:
-
24
|Números 15:24|
kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingabonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono;
-
25
|Números 15:25|
alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo.
-
26
|Números 15:26|
Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.
-
27
|Números 15:27|
Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wosondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono;
-
28
|Números 15:28|
umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Akuwucamagushela, woxolelwa ke.
-
29
|Números 15:29|
Kozalwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli ophambukele phakathi kwenu, woba mnye umyalelo kuni, ngokusingisele kowenza ngokulahleka.
-
30
|Números 15:30|
Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
-
31
|Números 15:31|
Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10