-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Números 14:17|
Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,
-
18
|Números 14:18|
UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engeze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.
-
19
|Números 14:19|
Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathele eYiputa wezisa apha.
-
20
|Números 14:20|
Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.
-
21
|Números 14:21|
Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.
-
22
|Números 14:22|
Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,
-
23
|Números 14:23|
wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.
-
24
|Números 14:24|
Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiyakumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.
-
25
|Números 14:25|
Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
-
26
|Números 14:26|
Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10