-
-
Xhosa
-
-
1
|1 Reyes 20:1|
Ke kaloku uBhen-hadade, ukumkani wama-Aram, wayibutha yonke impi yakhe; enokumkani abangamashumi amathathu anababini, namahashe, neenqwelo zokulwa; wenyuka, wawungqinga umzi wakwaSamari, walwa nawo.
-
2
|1 Reyes 20:2|
Wathumela abathunywa kuAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli, kuloo mzi, wathi kuye,
-
3
|1 Reyes 20:3|
Utsho uBhen-hadade ukuthi, Isilivere yakho negolide yakho yeyam, nabafazi bakho nabantwana bakho abo bahle ngabam.
-
4
|1 Reyes 20:4|
Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Ngokwelizwi lakho, nkosi yam, kumkani, ndingowakho, nako konke endinako.
-
5
|1 Reyes 20:5|
Baphinda abathunywa, bathi, Utsho uBhen-hadade ukuthi, Ndathumela kuwe, ndisithi, ndinike isilivere yakho, negolide yakho, nabafazi bakho, nabantwana bakho;
-
6
|1 Reyes 20:6|
ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.
-
7
|1 Reyes 20:7|
Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.
-
8
|1 Reyes 20:8|
Athi kuye onke amadoda amakhulu nabantu bonke, Musa ukuphulaphula, uze ungavumi.
-
9
|1 Reyes 20:9|
Wathi ke kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthume yona umkhonzi wakho ngokokuqala, ndoyenza; le nto yona andinakuyenza. Bemka ke abathunywa, babuya nelo lizwi.
-
10
|1 Reyes 20:10|
Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Mabenjenje oothixo kum, baqokele ukwenjenje, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwalingana ukuzalisa izandla zabantu bonke abandilandelayo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7